Ingqumbo yomthondo kukuzika kohlanga
Loading...
Date
Authors
Journal Title
Journal ISSN
Volume Title
Publisher
Rhodes University, Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures
Abstract
Le yingqokelela yemibongo ebhentsisa ukutyeshelwa kobuntu nobuchule bamanina yinkolo yobuKrestu, kunye nenkolo yemveli okanye inkolo yesiNtu. Ikwenza oku ngokwaphula imithetho nemigaqo siseko yenkolo yobuKrestu nesiNtu sakwaXhosa malunga nokufanelekileyo ukuba owasetyhini akuthethe okanye akwenze. Ikwabhentsisa nokuhlukunyezwa kwabasetyhini, ibuza nemibuzo ngesimo esizifumana sikuso mva-nje. Ichukunyiswe bubomi bam kanye nobamanye amanina endiphila nawo ekuhlaleni. Ikubhentsisa ke oku ngokungenalusini njengoko imbongi uLesego Rampolokeng esenza. Izeka mzekweni ezibhalweni zooNtozakhe Shange, Diane Di Prima, Lidia Yuknavitch, noWame Molefhe. Iphikisa indlela ekubhalwe ngayo ngamanina ngooMema nooJolobe, isenza oko uNontsizi Mgqwetho angazange ade afikelele ukukwenza njengombhali wasetyhini.