Ndiyazi ukuba ndiza kufa njani : ingqokelela yemibongo
Loading...
Date
Authors
Journal Title
Journal ISSN
Volume Title
Publisher
Rhodes University, Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures
Abstract
Le mibongo inyathela kwizinto ezitsarhayo; ukufa, ukukhula kweziganeko ezingobundlobongela obuphathelele kwezesondo nesini, kubulawa abantwana namanina ngamadoda norhwaphilizo olugqugqisayo. Lo msebenzi uphonononga ukwavavanya ukusetyenziswa kweempawu zokubhala kungalandelwa miqathango yokubhala koko kusetyenziswa ezi mpawu njengezixhobo zokuphuhlisa iimvakalelo zembongi. Ezi mpawu ziquka iidesh, iikholoni, iisemikholoni ukuqelelaniswa kwamagama kukwashiywa nezikhewu phakathi kwamagama kukhokelwa ngumoya wemibongo. Oku kubangele ukuba le mibongo ibe nezakhiwo ezahlukileyo nezingaqhelekanga kubhalo lwesiXhosa. Oko kukuthi, lo msebenzi utyebisa uncwadi lwesiXhosa ngokukwandisa kule ndlela ingaqhelekanga yokubhala. Umsebenzi kaSt E.P. Yako ube nefuthe kakhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela alusebenzise ngayo ulwimi oluteketeke zizafobe nemifanekiso ukubhala imibongo njengoko enzile kumbongo othi, Izibongo zikaMhlekazi uArchie Sandile. Kumbhali uMarina Tsvetaete kubolekwe indlela ayisebenzise ngayo imifanekiso kumbongo osihloko sithi, Poems for Block kuba udubula ngegama uthi thaa umfanekiso kwingqondo yomfundi. Isimbo sokuyila isakhiwo sombongo sikaSimphiwe Nolutshungu naso sibe nefuthe kule mibongo, kwaye le thisisi yandisa apho lo kaNolutshungu aphele khona ngakumbi kwindlela asebenzise ngayo iimpawu zokubhala.